Isaiah 66:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kubeka umqondiso pakati kwazo; nabasindileyo kuzo ndiya kubatuma baye kwizizwe; kwi‐Tareshishe, kwi‐Pule, nama‐Ludi, atyeda isipeta, kwi‐Tubali, ne‐Javane, kwiziqiti ezikude, ezingavanga udumo lwam, ezingabonanga nobungcwalisa bam; babeya kushumayela ubungcwalisa bam pakati kwezizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndithume abasindileyo kuzo, baye ezintlangeni ezingooTarshishe, noPuli, noLudi, abatyedi besaphetha; ezingooTubhali noYavan, eziqithini ezikude ezingazivanga iindaba zam, ezingabubonanga ubuqaqawuli bam, babuxele ubuqaqawuli bam ezintlangeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kwenza umqondiso phakathi kwazo yaye abo basindileyo kubo ndiya kubathumela ezintlangeni, iTarshishe nePule neLude, abo bazingela ngesaphetha, iTubhali noYavan, kwiziqithi ezikude ezithe thaa akazange abe khona wakuva ukusebeza kwam, akabubona ubuqaqawuli bam; yaye baya kubuvakalisa ubungcwele bam phakathi kweentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndibasindise abanye bazo, ndibathumele kwiintlanga ezikude, ezo zingazange zive ngodumo lwam, zingawabonanga amandla nobungangamsha bam: eTashishe, eLibhiya, naseLidiya – kwezo ncutshe zeentolo – eTubhali, nakwelamaGrike. Phakathi kwezi ntlanga ke bobubhengeza ubungangamsha bam.