Isaiah 66:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba zonke ezi zinto isandla sam sizenzile; zaye seziko zonke ezi zinto utsho uyehova: kodwa kulowo ndiya kukangela, kulowo ululamileyo nomoya ugqobokileyo, ongcangcazela ngelizwi lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba sizenzile zonke ezo zinto isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto, utsho uYehova; Ndiya kukhangela kulo mntu ulihlwempu, utyhafileyo emoyeni, ogubhayo ngelizwi lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku zidalwe ndim zonke ezi zinto; zikho nje ziphuma kwezi zandla.” Ewe, utsho uNdikhoyo. “Ke yena umntu ondikholisayo ngulo uzithobayo nozohlwayayo – nditsho ondihlonela ngentobeko.