Isaiah 66:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, njengokuba amazulu amatsha nomhlaba omtsha, endiya kuzidala, ziya kuma ebusweni bam, utsho uyehova, kwa njalo kuya kuma inzalo yenu negama lenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba njengoko amazulu amatsha nehlabathi elitsha endiza kuwenza, amiyo phambi kwam, utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma imbewu yenu negama lenu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kanye njengoko amazulu amatsha nomhlaba omtsha endiya kuwenza uya kuma phambi kwam,’ utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma intsapho yenu negama lenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwanjengokuba amazulu amatsha nehlabathi elitsha – nditsho la ndiza kuwadala – aya kuhlala ehleli phambi kwam, koba njalo kwigama lakho nakwizizukulwana zakho.