Isaiah 66:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, kwinyanga ngenyanga, nakwisabata ngesabata, lwoza uluntu lwonke ukubedesha pambi kwam, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuthi kuphikelane nokuthwasa kweenyanga zonke, kuphikelane neesabatha zonke, ukuza kwenyama yonke, ukuba iqubude phambi kwam; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela kwenye inyanga ukusa kwenye, ukususela kwisabatha ukuya kwenye, yonke inyama iya kuza ukuze iqubude phambi kwam,” utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngayo yonke imibhiyozo yokuthwasa kwenyanga – nditsho nangaleyo *yoMhla woPhumlo – izizwe zonke ziya kuza zigxalathelana, zize kundinqula.” Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.