Isaiah 66:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nam, ndiya kunyula amashwa abo, nezoyikelo zabo ndozizisa pezu kwabo; ngokokuba bendibiza, kanti bekungeko osabelayo; benditeta, kanti bebengapulapuli; kodwa bakwenza okubi emehlweni am, noko bendingakutandi bakuqasha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nam ke ndiya kunyula iimfeketho zokufeketha ngabo, ndibazisele izinto ezibanxunguphalisayo; ngenxa enokuba ndabizayo, akwabakho usabelayo; ndathetha, abeva; besuka benza ububi emehlweni am, banyula nento endingayinanzileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nam ke ndozinyulela iziphoso zabo, ndibazisele ububi babo; ngokuba ndibize, akwabakho usabelayo; ndithe xa ndithetha abandimamela basuka benza okubi emehlweni am bazikhethela into endingayithandiyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke abenjenjalo ndiza kubazisela ishwangusha, ndibathobele ezi zinto bazoyika gqitha, kuba ndibe ngakhwaza abasabela, ndaba ngathetha bona abaphulaphula, suka benza izinto ezingamanyondololo, bakhetha ezo zinto ndingazithandiyo.”