Isaiah 66:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yivani ilizwi likayehova, nina ningcangcazela ngelizwi lake! Bate abazalwana benu abanitiyayo, abanigxotayo ngenxa yegama lam: Makazukiswe uyehova! Koko eya kubonakalela uvuyo lwenu, bati bona badane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo ngelizwi lakhe;uthi, Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxothayo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova, sibone imivuyo yenu;baya kudana ke bona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo lilizwi lakhe; Oonyana benu abanithiyayo, abanigxothayo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazukiswe uYehova, kodwa uya kubonakala ngenxa yovuyo lwenu, badane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina balihlonelayo ilizwi lakhe, uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo: “Ngenxa yokunyaniseka kwenu kum abanye kumawenu banithiyile. Abasanifuni nganto; ungafika beningcikiva besithi: ‘UNdikhoyo makabonakalise ubukhulu bakhe; ewe, makanisindise sibone kaloku, nathi khe sinibukele nonwabile.’ Kambe ke ngabo abaza kungena ehlazweni.