Isaiah 66:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina ovileyo into enjalo? ngubanina obonileyo izinto ezinjengezi? Linokututumba ilizwe ngamini nye na? sizalwa isizwe ngexesha linye na? Koko i‐Ziyone yabisekututumbeni, yazala onyana bayo kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na okhe weva kunjalo? Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Kuya kuzalwa ilizwe ngamini-nye na? Kuzalwa uhlanga ngasihlandlo sinye na? Ngokuba isathi ukuthi ukuzibhijabhija, yabazala onyana bayo iZiyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na okhe weva kunjalo? Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Ngaba ihlabathi liya kuvelisa ngenye imini? Kuya kuzalwa uhlanga kwaoko? ngenxa yokuba kamsinya nje yakuba iZiyon yazala, iyazala abantwana bayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakha wayiva phi ke into enjalo? Sakhe sabonwa phi isimanga esinjalo? Sisizwe saphi esivela ngamini-nye? Sizwe sini esiqingqwa ngomzuzwana nje? Ewe, akuyi kuba kudala iZiyon ilunywa, ingasivelisanga isizwe, ingambelekanga lo mntwana.