Isaiah 7:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute emihleni ka‐Ahazi, unyana ka‐Yotame, unyana ka‐Huziya, ukumkani wo‐Juda, wenyuka u‐Retsine ukumkani we‐Siriya, no‐Pekahi unyana ka‐Remaliya ukumkani wo‐Sirayeli, ukuya e‐Yerusaleme, kuze kuliwe ngakuyo; kodwa wakohlwa kukuyoyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwathi, ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, wenyuka uRetsin ukumkani wama-Aram, enoPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem, ukuba alwe nayo; akaba nako ke ukulwa nayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngemihla ka-Ahazi, unyana kaYotam, unyana ka-Uziya, ukumkani wakwaYuda, wayifikela iYerusalem uRetsin, ukumkani wakwa-Aram, noPeka, unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli kodwa akazange akwazi ukoyisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwabakho imfazwe kwelakwaJuda ngethuba lokulawula kukakumkani uAhazi unyana kaYotam, umzukulwana kaUziya. URezin ukumkani wama-Aram, ekunye noPeka unyana kaRemaliya owayengukumkani wakwaSirayeli, bahlasela iJerusalem, kodwa babuya ze.