Isaiah 7:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko inkosi yona iya kuninika umqondiso: bona ke, intombi iya kumita, izale unyana, imbize ngegama elingu‐Yimanuweli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, iNkosi ngokuqinisekileyo iya kuninika umqondiso; Uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguEmanuweli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.