Isaiah 7:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova uya kuzisa pezu kwako, napezu kwabantu bako, napezu kwendlu kayihlo, imihla, engezanga ibeko enjalo, kwa kuseloko o‐Frayime bahlukana no‐Juda; — ukumkani we‐Asiriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uya kukuzisela wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela kwimini wemka ngayo uEfrayim kwaYuda; ngukumkani waseAsiriya ke lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wozisa wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela koko wemkayo uEfrayim kwaYuda; nokumkani waseAsiriya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena nabantu bakho ndawonye nekomkhulu liphela uNdikhoyo uza kunizisela inkxwaleko engathethekiyo engazange yalanywe okokoko waqhekekayo umbuso kaSirayeli kowakwaJuda. Ewe, uza kunithumela ngokumkani wama-Asiriya.