Isaiah 7:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwaxelwa kwindlu ka‐Davide, kusitwa: ama‐Siriya atelelene no‐Frayime. Yaza intliziyo yake yazamazama, nentliziyo yabantu bake, njengokuba imiti yehlati izamazama pambi kwomoya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram athelele kwabelakwaEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram enze umnqophiso noEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe, nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wakwaJuda uthe akulufumana udaba lokuba imikhosi yama-Aram seyingxange kumhlaba wakwaSirayeli, akoyika wangcangcazela, yena nabantu bakhe, okwemithi ishukunyiswa ngumoya.