Isaiah 7:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuze kuti ke, ngenxa yobuninzi bobisi eziya kubunika, wodla amasi; ewe, amasi nobusi baya kubudla bonke abaseleyo pakati kwelizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yobutyebi bobisi bazo, niya kudla ibhotolo; ngokuba bonke abaseleyo belizwe baya kudla incindi nobusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kangangokuba ziya kuba zisehlisa, kuya kuba yintlutha emzini wakhe. Ewe, kaloku loo masalela ashiyekileyo kweli lizwe aya kudla ngendeb' endala, ingamasi nobusi.