Isaiah 7:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa zonke intaba, ezihlakulekayo ngekuba, akuyi kuya kona ngokwoyika imbobo nemitolo; zoba yindawo yokutunyelwa kwenkomo, neyokunyatela kwegusha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuzo zonke iintaba eziya kombiwa ngentonga, akuyi koyikwa yimithana enameva namakhakakhaka, kodwa iya kuba yindawo yokugxotha iinkomo nokunyathela amathole.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwezo ntili apho kwakufudula kulinywa khona kuya kuba kwene ngangokuba kungabi nakusondela mntu khona. Ewe, amasimi abo selejike angamadlelo eenkomo kwaneegusha.”