Isaiah 8:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba eya kuba yindawo eyingcwele; kodwa woba lilitye lokuku̔bekisa, nolwalwa lwokuwisa, kuzo izindlu zombini zo‐Sirayeli; woba ngumgibe nesisinga kubo abemi base‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yoba yingcwele; ke kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli iya kuba yisikhubekiso, nesikhubekiso, nomgibe nomgibe kubemi baseYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena uya kuba ngumqolomba wakho. Kambe ke kuzo zombini izindlu zikaSirayeli uya kuba lilitye elibakhubekisayo, ulwalwa olutyibilikisayo, nakwiJerusalem ngokwayo abe ngumgibe obambisayo.