Isaiah 8:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako xeshekweni baya kuti kuni: Funani kwabenzelana nemishologu nakumatola, abasebezayo, abadumzelayo; yitini: Abantu ngebengafuni na kutixo wabo? ngebefun ela abahleliyo kubafileyo na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa bathe kuni, Quqelani kwimimoya yabafileyo, nabakhafuli abalalelayo, abaxokozelayo, abantu abayi kumquqela na uThixo wabo? ngabaphilayo kwabafileyo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa benicebisa besithi yiyani kwabavumisayo, abaneshologu, nabanoonomathotholo, kutheni ukuba ningababuzi nithi: “Ngani ukuba abantu bangabuzisi kuThixo wabo? Ngani ukuba abantu babuzise kwizinyanya, bathetha-thethane nabafileyo ngenxa yâbo baphilayo?”