Isaiah 8:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babeya kucanda kulo, bebandezekile, belambile nokulamba; kwakuya kuti, xeshekweni bevayo ukulamba, boziqumbisa, batuke ukumkani wabo notixo wabo, babeke ngapezulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kucanda kulo ilizwe begogotyelwe, belambile; kuthi ke, xa bathe balamba, babe noburhalarhume, batshabhise ukumkani wabo noThixo wabo, babheke phezulu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kucanda kulo, bengaginywanga, belambile; kwaye xa belambile, baya kuba nomsindo, baqalekise ukumkani wabo noThixo wabo, baze bajonge phezulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku abantu baya kubhadula ezweni, bexhwalekile, belamba. Bekwelo phango ke bosuka babe lugcala-gcala, bakhangele esibhakabhakeni, bamshwabulele ukumkani wabo ngokunjalo noThixo wabo.