Isaiah 8:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndasondela kumprofitekazi, owamitayo, wazala unyana. Wayesiti uyehova kum: Mbize ngegama elingu‐Mahere‐shalali‐hashe‐bazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndasondela kumprofetikazi, wamitha, wazala unyana. Wathi uYehova kum, Yithi igama lakhe nguMaxhoba ayakhawuleza iinto eziphangiweyo zingxamile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndafika kumprofetikazi; wakhawula, wazala unyana. Wathi uYehova kum, Mbize ngokuba nguMahersal-hasbhas.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke inkosikazi yam yakhawula, yaza yazala unyana. UNdikhoyo ke wathi igama lakhe malibe nguPhangamaxhoba.