Isaiah 8:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, engekazi lomntwana ukubiza ngokuti, Bawo! nokuti, Ma! kuya kufuduswa ubutyebi base‐Damakusi, nempango yase‐Samariya, pambi kwokumkani we‐Asiriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, engekakwazi umntwana lo ukuthi, Bawo, nokuthi, Ma, ubutyebi baseDamasko namaxhoba akwaSamari aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngaphambi kokuba umntwana akwazi ukubiza ngokuthi: “Tata noMama, ubutyebi baseDamasko namaxhoba aseSamariya aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba wathi: “Kothi loo nkwenkwe ingekakwazi nokuthi: ‘Mama,’ okanye: ‘Tata,’ bube bonke ubutyebi baseDamasko, ngokunjalo namaxhoba aseSamariya, selethathwe ngukumkani waseAsiriya.”