Isaiah 8:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kukona, bona ke, inkosi iya kunyusa pezu kwabo amanzi omlambo, amakulu nanamandla, — ukumkani we‐Asiriya nabo bonke ababungcwalisa bake; wauya kunyukela pezu kwayo yonke imijelo yawo, ugqitele zonke indonga zawo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo, lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wonyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, yabonani, iNkosi iwazisela amanzi omlambo, ukuba ngamandla, maninzi, ukuze awafikele, ukumkani waseAsiriya nobuqaqawuli bakhe bonke; uya kunyuka aye emideni yayo yonke, aludlule lonke unxweme lwalo,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
mna ndiza kubazisela irhuluneli yaseAsiriya kunye nemikhosi yayo, imhlasele uJuda. Ukugaleleka kwayo iya kuba ngathi kukuzalisa nokutyekeza komlambo omkhulu iEfrati.