Isaiah 9:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa akuyi kumana kusibekelelwa, apo isitukutezi besi fudula sikona: njengokuba ebete ngexesha lapambili wangenisa ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali ekudelweni, woti ke kamva awenze abe nokubekwa — awendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko.Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena ubumnyama abuyi kuba njengomsindo wakhe, ekulitshutshiseni kwakhe ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali umzuzwana, wabatshutshisa kakubi endleleni eya elwandle, phesheya kweYordan, iGalili yeentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.