Isaiah 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ama‐Siriya ngecala lapambili, nama‐Filistiya ngelasemva; babeya kubadla o‐Sirayeli ngomlomo owakamileyo. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ama-Aram ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ama-Aram engaphambili, amaFilisti ngasemva; kwaye ziya kudla uSirayeli ngomlomo ovulekileyo. Ngenxa yoko awubuyanga umsindo wakhe, kodwa isandla sakhe sisasolulile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngama-Aram ngasempumalanga, ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga; xa zizonke zigragramela uSirayeli. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!