Isaiah 9:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ababantu bengabuyelanga kulowo owababetayo, noyehova wemikosi abamfunanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aba bantu ke ababuyeli kulowo ubabethileyo; abamngxamele uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uhlanga alubuyelanga kuLowo ulohlwayayo, yaye alukhange lufune uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa suka abantu abazisola; hayi, ababuyelanga kumohlwayi, abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.