Isaiah 9:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko inkosi ayiyi kuvuya pezu kwamadodana abo, nenkedama zabo nabahlolokazi babo ayiyi kuba nanceba ngakubo; ngokuba bonke ngabanye bengabaginwa nabenzi bokungalungileyo, nayo yonke imilomo iteta ubugeza. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, iNkosi ayiyi kukholiswa ngabo bafana babo, kwaye ayiyi kuba namfesane kubo nabahlolokazi, ngenxa yokuba bonke bangabahanahanisi nabakhohlisayo, kwaye yonke imilomo ithetha ubudenge. Ngenxa yoko awubuyanga umsindo wakhe, kodwa isandla sakhe sisasolulile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana, akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama, kuba bonke zintw' ezingento, bakhohlakele, imilomo yabo iphuphum' ububi. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!