Isaiah 9:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuṙala kukayehova wemikosi ilizwe liyatshiswa, nabantu boba njengokutya kwomlilo; omnye akayi kuba nazibele ngakwomnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe liyatsha;abantu banjengokudla komlilo; umntu akamcongi umzalwana wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuvutha komsindo kaYehova wemikhosi umhlaba wenziwa mnyama, neentlanga ziya kuba njengamalahle avuthayo; Akukho bani uya kumconga umzalwana wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onke eli lizwe liza kuvutha, umlilo udangazeliswe ngabantu, kungabikho nonak' umntakwabo.