Isaiah 9:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
O‐Manase bodla o‐Frayime, no‐Frayime o‐Manase; bona kunye bomelana no‐Juda. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uManase adle uEfrayim, uEfrayim adle uManase; bona bachasane noYuda. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe;sisolukile isandla sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uManase, uEfrayim; noEfrayim noManase, bona kunye baya kuba nxamnye noYuda. Ngenxa yoko awubuyanga umsindo wakhe, kodwa isandla sakhe sisasolulile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UManase noEfrayim bosuka bahlaselane, kananjalo bosuka badibane ngoJuda. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!