Isaiah 9:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba iyokwe yomtwalo wabo, nentonga yegxalaba labo, uswazi lwombandezeli wabo, uzapule, njengasemini yama‐Midiyane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, uyaphule njengemini yakwaMidiyan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uyaphule idyokhwe yomthwalo wabo, umsimelelo osemagxeni abo, nomsimelelo womxinzeleli wabo, njengoko kwakunjalo ngemihla yakwaMidiyan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso, ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni. Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli. Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.