Isaiah 9:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba zonke izihlangu zabaxo̔bileyo ngazo ekulweni, nengubo eziqengqiweyo egazini, ziya kutshiswa; zoba kukutya kwawo umlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba yonke imfazwe yegorha inesandi esididekileyo, neengubo zizele ligazi; kodwa kuya kuba kumlilo nakukudla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo, nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi, ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.