Isaiah 9:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukwanda kwobukosi bake nokwoxolo lwabo akuyi kuba nakupela, pezu kweterone ka‐Davide, napezu kwobukumkani bake; ukuba buqiniswe, nokuba busekelwe, ngobugwebo nangobulungisa, kwa kaloku nje nakude kube ngunapakade. Ubukwele bukayehova wemikosi bokwenza oku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kubakho ukwanda kolongamo noxolo ukusa kwixesha elingenammiselo etroneni kaDavide nasebukumkanini bakhe ukuze abuqinise buqinise ngobulungisa nangokusesikweni ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena uya kuba yingangalala, into embuso uluxolo olungaphele ndawo. Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide, umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi, uxhathise ngomthetho nangobulungisa, ukusukela ngoku kude kube nini-nini. *UNdikhoyo onekhwele, nditsho uSomandla-onke, nguye oya kuyenza loo nto!