James 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba liti lakupuma ilanga kunye nokufudumala okutshisayo, landule libunise inca, nembali yayo ivutuluke, nobuhle bokubonakala kwayo butshabalale; ngokunjalo naye osisityebi uya kushwabana ezihambeni zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yona ithi lakuvela ilanga liyigqatse, ibune, kuphele nokubukeka kwayo. Nesinhanha siya kutshabalala naso ngoku kanye sisaxakeke yimicimbi yaso.