James 1:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makacele kodwa ngokolo, engatandabuzi nto; ngokuba otandabuzayo efana neliza lolwandle liqu̔tywa ngumoya lizanyazanyiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makacele ekholwa, engathandabuzi; Kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.