James 2:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba yena watshoyo ukuti: Ungaṙexezi, watsho nokuti: Ungabulali. Kekaloku ukuba uya kuti, nangona ungayi kuṙexeza, ubulale, usel’ ungumgqiti womteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku isekwanguloo mwisi-mthetho mnye lo uthi: “Ungakrexezi,” kwanothi: “Ungabulali.” Nokuba na akukrexezi, usisaphula-mthetho ukuba uyabulala.