James 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nandule nikangele ngakulowo uzambeteyo izivato ezihle, niti kuye: Hlala wena apa kakuhle; nize niti kolihlwempu: Yima wena paya, umhlaumbi hlala apa ngapantsi kwesitulo sam senyawo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha wena kakuhle; ndithi kwihlwempu, Yima wena phaya, mhlawumbi uhlale phantsi phantsi kwesihlalo seenyawo zam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nako ke nina nitatazela nilungiselela lo mfo ulinene, nimnika nesihlalo, nithi lona idlavu malime ngeenyawo okanye lihlale phantsi emhlabeni.