James 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba zonke intlobo zezilo, nezentaka, nezezinto ezinambuzelayo, nezezinto eziselwandle, ziyoyiswa, ewe zoyisiwe luluntu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho zine, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hobane mefuta yohle ya diphoofolo, le ya dinonyana, le ya dinoha, le ya tse lewatleng, e a thapisoa, mme e se e thapisitswe ke batho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uluntu luyakwazi ukuzilulamisa zonke iintlobo zezidalwa – ezizitho zine kwaneentaka, ezirhubuluzayo kwanezaselwandle – yaye lukholisile ukwenjenjalo.