James 4:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ningahlebani, bazalwana! Omhlebayo umzalwana wake, amgwebe umzalwana wake, uyawuhleba umteto, awugwebe umteto: kodwa ukuba uyawugweba umteto, akunguye umenzi womteto, unguye umgwebi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha kakubi ngomzalwana wakhe, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, egweba umthetho; kodwa ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mawethu, musani ukugxekana. Nabani na oligxekayo okanye aligwebe elinye ikholwa, ugxeka ugweba umthetho. Ukuba ke uyawugxeka umthetho, akuwuthobeli, koko ungumgwebi wawo.