James 5:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, siti banetamsanqa abo banyamezelayo. Ukunyamezela kuka‐Jobi nikuvile, nesipelo senkosi nisibonile, ukuba yona inkosi inezibele kakulu, inenceba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela iNkosi eya kwenza ngayo, ngokuba iNkosi inemfesane kakhulu, inenceba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, sithi banoyolo abo banyamezelayo. Seniyivile indlela awayenomonde ngayo uYobi; niyayazi indlela eyambuyekeza ngayo iNkosi. Kaloku iNkosi inenceba novelwano.