James 5:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa pezu kwento zonke, bazalwana bam! ningafungi; ninga fungi izulu, nomhlaba, nesinye isifungo simbi: kodwa u‐ewe wenu makabe ngu‐ewe, no‐hai abe ngu‐hai; ukuze ningeyeli ekugwetyweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; makathi ke uewe wenu abe nguewe, nohayi abe nguhayi, ukuze ningeyeli ekugwetyweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; nohayi wenu, hayi; ukuze ningaweli ekugwetyweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.