Jeremiah 1:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kuteta imigwebo yam ngakubo, ngenxa yayo yonke inkohlakalo yabo; ngokokuba bendishiyile, nokuba bequ̔misele otixo bambi, nokuba bezitobile kuyo imisebenzi yezabo izandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuthetha elokubagweba kwam ngenxa yobubi babo bonke, kuba bendishiyile, baqhumisela thixweni bambi, baqubuda emisebenzini yezandla zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuzithetha kubo izigwebo zam ngenxa yobubi babo bonke, ngenxa yokuba bendishiyile baza batshisa abanye oothixo ngomsi baza baqubuda kwimisebenzi yezandla zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kubawisela isigwebo abantu bam ngenxa yenkohlakalo yabo yonke, kuba bandifulathele, baza benzela *thixo bambi iziqhumiso, banqula izinto abazenze ngezandla zabo.