Jeremiah 1:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, ndikwenzile namhla isixeko esinqatyisiweyo, nentsika yesincete, nendonga zexina ngakulo lonke ilizwe; ngakubo okumkani be‐Juda, ngakuzo inkosana zayo, ngakubo abaprofite bayo, nangakubo abantu belizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona ke, mna ndikwenza namhla umzi onqatyisiweyo, intsika yesinyithi, udonga lobhedu kulo lonke ilizwe, lokumkani bakwaYuda, nakubathetheli balo, kubabingeleli balo, nakubantu belizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba, yabona, ndikwenze namhla umzi oyinqaba, intsika yesinyithi, udonga lobhedu kulo lonke ilizwe, kookumkani bakwaYuda, nakubathetheli balo, nakubabingeleli balo, nakubantu belizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna ke ndikwenze wanjengesixeko esinqatyisiweyo, waqina okwentsika yentsimbi nodonga lobhedu, ukuze umelane neli lizwe liphela: ookumkani neziphathamandla zakwaJuda, kunye nababingeleli nabantu balo.