Jeremiah 1:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
leza nasemihleni ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani we‐Juda, kwada kwasekupeleni kwomnyaka weshumi elinamnye ka‐Zedekiya unyana ka‐Josiya ukumkani we‐Juda, kwada kwasekufudusweni kwe‐Yerusaleme ngenyanga yesihlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nangemihla kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekupheleni komnyaka weshumi elinamnye kaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekufudusweni kweYerusalem ngenyanga yesihlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngemihla kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekupheleni konyaka weshumi elinanye kaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, de kwabakho ukufakwa entolongweni kweYerusalem ngenyanga yesihlanu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nangexesha likaJoyakim unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, kwada kwangunyaka weshumi elinanye uZedekiya unyana kaJosiya elawula kwaJuda, bada abantu baseJerusalem bathinjwa ngenyanga yesihlanu.