Jeremiah 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Badolile abantu bonke bengenakwazi; badanele umfanekiso bonke abatyityishi: ngokuba umfanekiso otyityishiweyo wake ububuxoki; akuko umoya kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wonke umntu unesibindi ngokwazi; Wonke umkhohlisi udaniswa ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe ubuxoki, awunamoya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke ziziyatha ezingenalwazi. Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo, kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso, kuba abanawo umphefumlo.