Jeremiah 10:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kusaula abemi belizwe ngexesha eli, ndibangenise ebunzimeni, ukuze babufumane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova utshilo ukuthi, Yabona, ngesi sihlandlo, ndisawula abemi belizwe, ndibabandezele, ukuze bafunyanwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba wathi uYehova, Yabona, ndiya kubalahla abemi behlabathi, kwangelo xesha, ndibadubadube, balifumane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”