Jeremiah 10:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai usizi lwam, ngenxa yesapuko sam! isibetwa sam sibuhlungu; kodwa ndati: Ngenyaniso lento iyingozi, endifanel’ ukuyinyamezela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Lelokubulala inxeba lam; ke mna ndithi, Inyaniso, sisifo sam esi, ndiya kusinyamezela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Inxeba lam libuhlungu, kodwa ndathi: Inene, kubuhlungu, ndiya kukuthwala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi ke mna, ukwenzakala kwam! Amanxeba am akanakuphila. Ke mna bendisithi: “Sisifo sam esi; mandisinyamezele.”