Jeremiah 10:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intente yam icitekile, nazo zonke intambo zam ziqaukile; usapo lwam lupumile kum, lungaseko; akuko oya kwolula kanjako intente yam, noya kumisa izikuselo zam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile;oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam bandishiyile, abasekho; akukho wakuyimisa intente yam, waneka iingubo zam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intente yam ibhukuqiwe; sele kuqhawuke nezo ntambo zayo. Bemkile oonyana bam; akusekho namnye useleyo. Akukho nokuba abe mnye onokuvusa intente yam; akukho namnye wokuxhoma umkhusane.