Jeremiah 10:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina obengayi kukwoyika, Kumkani wezizwe! ngokuba kufanele wena; ngokuba pakati kwawo onke amalumko ezizwe, nakubo bonke ubukumkani bazo, kungeko nanto engangawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na ongeze akoyike, Kumkani weentlanga? Ngokuba kukufanele; kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga, naphakathi kwezikumkani zonke, akukho namnye unjengawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na ongekhe akoyike, Nkosi yezizwe? ngokuba yeyakho, ngenxa yokuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga nakubo bonke oorhulumente bazo akukho unjengawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga? Ewe, ufanelwe yimbeko; akakho onjengawe, nditsho phakathi kwezilumko naphakathi kwezizwe nookumkani bazo.