Jeremiah 11:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babuyele kuzo izikohlakalo zomakulu babo, ababesala ukuva amazwi am; balandele otixo bambi, ukuba babakonze: indlu ka‐Sirayeli nendlu ka‐Juda balwapule ucebano lwam, endalwenzayo noyise babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babuyele kuzo izenzo ezigwenxa zooyise bamandulo, ababengavumi ukuweva amazwi am; abasuka bona balandela thixo bambi ukuze babakhonze; indlu kaSirayeli nendlu kaYuda zawaphula umnqophiso wam endawenza nooyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babuyela ezonweni zooyise, ababengavumi ukuwaphulaphula amazwi am; alandela thixo bambi ukuze babakhonze; Indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ziwaphule umnqophiso wam endawenza nooyise;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babuyele kwikakade looyise-mkhulu abalayo ukundiphulaphula. Bona bâlandela banqula *thixo bambi. Ewe, uSirayeli kunye noJuda bawaphule umnqophiso endawenza kunye nookhokho babo.