Jeremiah 11:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bangandula baye abezixeko zakwa‐Juda nabemi base‐Yerusaleme, bakale kubo otixo ababaqu̔miselayo: kodwa abayi kuka babasindise exesheni lelishwa labo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iya kuhamba ke imizi yakwaYuda nabemi baseYerusalem, bakhale koothixo abaqhumisela kubo, bangabasindisi nokubasindisa ngexesha lobubi babo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko izixeko zakwaYuda nabemi baseYerusalem baya kuhamba baze bakhale koothixo abaqhumisela kubo, kodwa abayi kubasindisa ngexesha lokubandezeleka kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bakwaJuda nabaseJerusalem baya kuya kwabo thixo bebekade bebenzela iziqhumiso, bakhale kubo becela kubo uncedo. Kodwa abayi kuzuza luncedo kwabo thixo ngomhla weshwangusha.