Jeremiah 11:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba njeng enani lezixeko zako, bebenjalo otixo bako, Juda! na njeng enani lezitarate ze‐Yerusaleme, nimisile izibingelo kokulihlazo, izibingelo zokuqu̔misela u‐Bali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ngangenani lemizi yakho, baba ngako oothixo bakaYuda; ngangenani lezitrato zaseYerusalem, zaba ngako izibingelelo enazimisela into elisikizi, izibingelelo zokuqhumisela kuBhahali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba oothixo bakho bangangenani lemizi yakho, Yuda; yaye ngokwenani lezitrato zaseYerusalem nazakha izibingelelo zehlazo, izibingelelo zokuqhumisela kuBhahali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oothixo babantu bakwaJuda baninzi kangangezixeko zalapho, ukanti abantu baseJerusalem bamenzele amaqonga eziqhumiso lowa Bhali unezothe kuzo zonke izitalato zalapho.’