Jeremiah 11:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umtandwa wam unanto nina endlwini yam, akuyenza lonto ebutshinitshini eyimikumdelikane? kanjalo inyama eyingcwele imkile kuwe: nxa ukwenza okukohlakeleyo, oko uyagcoba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ifuna ntoni intanda yam endlwini yam, isenza amayelenqe nje? Izibhambathiso nenyama engcwele zobususa na ububi bakho kuwe? Ubungandula udlamke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yintoni na endikholisiweyo yiyo endlwini yam, ekubeni ehlazisa abaninzi, nenyama engcwele ikushiyile? ukuba wenze ububi, uya konwaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthi uNdikhoyo: “Wena ntandane yam, ufuna ntoni endlwini yam xa undenzela iyelenqe kunye nabanye? Ngaba amadini owenzayo olinqanda ishwangusha? Xa bekunjalo ngewuchulumacha!