Jeremiah 11:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova wemikosi, okutyalileyo, etetile ilishwa ngawe; ngenxa yenkohlakalo yendlu ka‐Sirayeli, neyendlu ka‐Juda, abayenzileyo ngakubo bona ukundiqumbisa, ngokuqu̔misela u‐Bali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uYehova wemikhosi, owakutyalayo, uthethe okubi ngawe, ngenxa yezinto ezimbi zendlu kaSirayeli nezendlu kaYuda, abazenzeleyo ukuze bandiqumbise ngokuqhumisela uBhahali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uYehova wemikhosi, owakutyalayo, uthethe intlekele ngawe ngenxa yobubi bendlu kaSirayeli nendlu kaYuda, abazenzileyo kubo ngokundicaphukisa ngokuqhumisela kuBhahali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“UJuda noSirayeli bâtyalwa ndim, mna Ndikhoyo onamandla onke, ke ngoku ndibasongela ngeshwangusha. Sisiphumo sezenzo zabo ezigwenxa esi, kuba bandiqumbisile ngokwenzela uBhali amadini esiqhumiso.”