Jeremiah 11:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa mna bendinjengemvana engumbuna, er̔olelwa ekuxe̔lweni; ngokuba bendingazi ukuba baqingile amaqinga ngakum, besiti: Masiwonakalise umti kunye nokutya kwawo, masimnqamle elizweni labapilileyo, ukuba igama lake lingabi sakunjulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaba njengemana embuna esiwa ekuxhelweni; bendingazi ukuba bacebe icebo ngam, besithi, Masiwonakalise umthi kunye neziqhamo zawo, masimnqumle ezweni labaphilileyo, lingabi sakhunjulwa igama lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaba njengemvana esiwa ekuxhelweni; Bendingazi ke bona ukuba bacebe ngam, besithi, Masiwonakalisa umthi nesiqhamo sawo, siwunqumle ezweni labaphilileyo, lingabi sathiwa igama lawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndandifana nqwa nexhwane elimbuna lisiya kuxhelwa. Bekungekho nto ndiyaziyo. Bendingaqondi ukuba baceba amayelenqe ngam, besithi: “Masiwutshabalalise umthi uselula, simcime igama, angabi sakhunjulwa ngabaphilayo.”